UMTHETHO WOBUHLWEMPU, ISINI NOKULINGANA
Ukuliwa kobuhlwempu kusuka kude ekuqaleni kwembali yomntu kwaye kwaqhubeka kwada kwaza kufika kule nkulungwane entsha. Akukho ndawo eli dabi apho ligxininisa kuyo ngaphandle kwemeko yesini nobuhlwempu eAfrika.
Yintoni ubuhlwempu?
Imeko yokuba nobutyebi obuncinane kakhulu okanye izinto onazo, ubivila, ukungabinandawo yokuhlala, ukuba neemfuno."
Kule minyaka yangoku, uphando olufumanisa iindlela ababona ngayo abangamahlwempu luqaphele ukuba ubuhlwempu bubandakanya ukungabinazinto ezininzi, kubandakanywa ukubalixhoba nokudlakazeliswa ngokwesini ngaphezu kokungabi nanto.
Ngoko ke ubuhlwempu kukungabinakho ukufikelela kumyinge wokuphila okumgangatho othile, kulinganiswa ngokumalunga neemfuno ezingundoqo okanye ingeniso efunekayo ukuze zizaliseke.
Bulinganiswa kanjani ubuhlwempu?
Zimbini iindlela zokulinganisa ubuhlwempu:
Ubuhlwempu obugqibeleleyo
Ubuhlwempu ngokuthelekiswa
Ubuhlwempu obugqibeleleyo (ubuhlwempu obugqithisileyo) buyafana nokuba neemfuno ezigqithisileyo okanye ukungabinanto. Ubuhlwempu obugqithisileyo bunento nokwenza nokungabinanto kwabantu xa kuthelekiswa neyona isezantsi imiqathango nemigangatho ethathwa naluluphi na uluntu njengomlinganiselo osezantsi weemfuno zobomi okanye owona mgangatho usezantsi wamkelekileyo wokuphila.
Ubuhlwempu ngokuthelekiswa bunento nokwenza nokungabinanto kwabantu xa bethelekiswa nabanye kwindawo abahlala kuyo. Xa ulinganisa ukungabinanto ngokuthelekiswa nabanye okanye ukungalingani kokwabiwa kwengeniso, ubutyebi neengeniso ekuhlaleni ziyajongwa.
Yintoni eyenza ubuhlwempu eMzantsi Afrika?
Ukungaqeshwa
Ukungafundi
Ukunyuka kwenani labantu basezilalini
Ubukrelemnqa
Zithini izibalo ngobuhlwempu eMzantsi Afrika?
Kutheni abafazi bengamaxhoba obuhlwempu?
Izizathu ngokwembali
Izithethe zamandulo
Izizathu zasekuhlaleni
Buzalana kanjani ubuhlwempu, isini nokudlakazeliswa ngokwesini?
Ukudlakazeliswa kwabafazi nobuhlwempu zihamba kunye. Ngelishwa inani elikhulu labo bonke abafazi eMzantsi Afrika bayabethwa amaxesha ngamaxesha, badlwengulwe bophulwe imiphefumlo. Nakuba kunjalo, ukuba lihlwempu kwandisa kakhulu amathuba okubasemngciphekweni wokudlakazeliswa.
ISIKHOKELO SOMTHETHO NEMIGAQO-NKQUBO
IZIXHOBO ZEHLABATHI EZIKHUTHAZA UKUQHUBELA PHAMBILI KWABAFAZI NOKUPHELISWA KOBUHLWEMPU EBAFAZINI
Ingqungquthela yokupheliswa kwazo zonke iintlobo zocalucalulo lwabafazi
IZIXHOBO ZOMMANDLA EZIKHUTHAZA UKUTHATHA INXAXHEBA KWABAFAZI KURHULUMENTE
Itshata yase-Afrika yamaLungelo oLuntu naBantu
Ummiselo weNkomfa yase-Afrika yesithandathu ngabafazi
UMTHETHO WASEMZANTSI AFRIKA NEMICIMBI EPHATHELENE NOKUTYEKELA KWESINI NESINI SOMNTU.
UMthetho woMgaqo-siseko waseMzantsi Afrika 108 wowe 1996 (UMgaqo-siseko)
UMthetho woMgaqo-nkqubo weMfundo yeSizwe 27 wowe 1996
UMthetho wokuDlakazeliswa okusemaKhaya 116 wowe 1998; kunye
